IiNdumiso - Isahluko 1

123456789101112131415161718192021222324252627282930313233343536373839404142434445464748495051525354555657585960616263646566676869707172737475767778798081828384858687888990919293949596979899100101102103104105106107108109110111112113114115116117118119120121122123124125126127128129130131132133134135136137138139140141142143144145146147148149150
← Edlulileyo Elilandelayo →
1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.
4 Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.
6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.
← Buyela kwi-index